Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama: ungáyidla inyama ngokungqwena konke komphefumlo wakho.