Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 10:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.

10. Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.

11. Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu, bangene balimé ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.

12. Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;

13. ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulúnge kuwe?

14. Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.

15. UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande; wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.

16. Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni.

17. Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo;

18. ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo.

19. Mthandeni owasemzini; kuba nibé ningabasemzini ezweni laseYiputa.

20. Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze, unamathele kuye, ufunge igama lakhe.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 10