Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.