Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 10:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.

6. Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.

7. Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi.

8. Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla.

9. Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 10