Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 10:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.

11. Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu, bangene balimé ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.

12. Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;

13. ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulúnge kuwe?

14. Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.

15. UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande; wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.

16. Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 10