Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 9:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wathi umnquma kuyo, Ndingade ndikuncame na ukutyeba kwam abakuzukisayo oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

10. Yathi imithi kumkhiwane, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

11. Wathi umkhiwane kuyo, Ndingade ndiyincame na incasa yam, neziveliso zam ezihle, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

12. Yathi imithi kumdiliya, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

13. Wathi umdiliya kuyo, Ndingade ndiyincame na iwayini yam evuyisa oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

14. Yathi yonke imithi kwiqunube, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

15. Lathi iqunube kuyo imithi, Ukuba okunene niyandithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani nizímele ngomthunzi wam; ukuba akunjalo, makuphume umlilo equnubeni, uyidle imisedare* yaseLebhanon.

16. Ukuba ke ngoko nenzé ngenyaniso nangokugqibeleleyo, uAbhimeleki nimenzé ukumkani nje, ukuba nenzé okulungileyo kuYerubhahali nakwindlu yakhe, ukuba nimenzele ngokwempatho yezandla zakhe;

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 9