Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 9:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Bahlangana bonke abemi bakwaShekem nendlu yonke yeMilo, baya bamenza uAbhimeleki ukumkani ngasemokini* wesikhumbuzo okwaShekem.

7. Waxelelwa uYotam, waya wema encotsheni yentaba yeGerizim, waliphakamisa izwi lakhe, wadanduluka, wathi kubo, Ndiveni, nina bemi bakwaShekem, aze uYehova anive nani.

8. Yaya imithi ukuya kuthambisa ukumkani ukuba abe phezu kwayo. Yathi kumnquma, Yiba ngukumkani wethu.

9. Wathi umnquma kuyo, Ndingade ndikuncame na ukutyeba kwam abakuzukisayo oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

10. Yathi imithi kumkhiwane, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

11. Wathi umkhiwane kuyo, Ndingade ndiyincame na incasa yam, neziveliso zam ezihle, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

12. Yathi imithi kumdiliya, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

13. Wathi umdiliya kuyo, Ndingade ndiyincame na iwayini yam evuyisa oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 9