Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 9:23-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. UThixo wathuma umoya ombi phakathi koAbhimeleki nabemi bakwaShekem, bamkhohlisa uAbhimeleki abemi bakwaShekem;

24. ukuze ukungonyanyelwa koonyana abangamashumi asixhenxe bakaYerubhahali kufike, igazi labo libekwe phezu koAbhimeleki umzalwana wabo, owababulalayo, naphezu kwabemi bakwaShekem, abasomelezayo isandla sakhe, wababulala abazalwana bakhe.

25. Abemi bakwaShekem bammisela abalaleli ezincotsheni zeentaba, baxhakamfula bonke abadlula kubo ngendlela. Waxelelwa ke uAbhimeleki.

26. Waya uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, badlula besiya kwaShekem. Abemi bakwaShekem bakholosa ngaye.

27. Baphuma baya emasimini, bavuna izidiliya zabo, bazixovula, benza iminikelo yendumiso, baya endlwini yothixo wabo, badla, basela, bamqalekisa uAbhimeleki.

28. Wathi uGahali unyana kaEbhede, Ngubani na yena uAbhimeleki? Engubani na yena uShekem, ukuba simkhonze? Àkanyana kaYerubhahali na, waye uZebhule engemveleli wakhe na? Khonzani amadoda akwaHamore, usoShekem. Kungani na ukuba simkhonze yena?

29. Abába aba bantu babesesandleni sam! Kukhona bendingamsusayo uAbhimeleki. Wathi, esingisa kuAbhimeleki, Wandise umkhosi wakho, uphume.

30. Waweva uZebhule, umphathi waloo mzi, amazwi kaGahali unyana kaEbhede, wavutha umsindo wakhe.

31. Wathuma abathunywa kuAbhimeleki ngenkohliso, esithi, Nanku uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, befiké kwaShekem; yabona, bayawubandezela umzi ukuba uchasane nawe.

32. Vuka ke ngoko ebusuku, wena nabantu onabo, ulalele emasimini;

33. kothi, kusasa ukuphuma kwelanga, uvuke kusasa, wakhe uluhlu uye kuloo mzi; nanko yena nabantu anabo bephuma besiza kuwe; wénze kuye, njengoko sithe safumana ngako isandla sakho.

34. Wavuka ke ebusuku uAbhimeleki nabantu bonke anabo, bawulalela owakwaShekem, bemaqela mané.

35. Waphuma uGahali unyana kaEbhede, wema ekungeneni kwesango lomzi; wesuka uAbhimeleki nabantu anabo ekulaleleni.

36. UGahali wababona abantu, wathi kuZebhule, Naba abantu besihla ezincotsheni zeentaba. Wathi uZebhule kuye, Ùbona amathunzi eentaba ngathi ngabantu.

37. Waphinda waqokela uGahali, wathi ukuthetha, Naba abantu besihla emnyeleni welizwe, elinye iqela lisiza ngendlela yoMoki* wamaTola.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 9