Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 9:20-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ukuba akunjalo, makuphume umlilo kuAbhimeleki, ubadle abemi bakwaShekem nendlu yeMilo, uphume umlilo kubemi bakwaShekem nakwindlu yeMilo, umdle uAbhimeleki.

21. Wabaleka ke uYotam, wasaba, waya eBhere, wahlala khona ngenxa ka-Abhimeleki umzalwana wakhe.

22. UAbhimeleki waba ngumthetheli wamaSirayeli iminyaka emithathu.

23. UThixo wathuma umoya ombi phakathi koAbhimeleki nabemi bakwaShekem, bamkhohlisa uAbhimeleki abemi bakwaShekem;

24. ukuze ukungonyanyelwa koonyana abangamashumi asixhenxe bakaYerubhahali kufike, igazi labo libekwe phezu koAbhimeleki umzalwana wabo, owababulalayo, naphezu kwabemi bakwaShekem, abasomelezayo isandla sakhe, wababulala abazalwana bakhe.

25. Abemi bakwaShekem bammisela abalaleli ezincotsheni zeentaba, baxhakamfula bonke abadlula kubo ngendlela. Waxelelwa ke uAbhimeleki.

26. Waya uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, badlula besiya kwaShekem. Abemi bakwaShekem bakholosa ngaye.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 9