Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 9:10-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Yathi imithi kumkhiwane, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

11. Wathi umkhiwane kuyo, Ndingade ndiyincame na incasa yam, neziveliso zam ezihle, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

12. Yathi imithi kumdiliya, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

13. Wathi umdiliya kuyo, Ndingade ndiyincame na iwayini yam evuyisa oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?

14. Yathi yonke imithi kwiqunube, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.

15. Lathi iqunube kuyo imithi, Ukuba okunene niyandithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani nizímele ngomthunzi wam; ukuba akunjalo, makuphume umlilo equnubeni, uyidle imisedare* yaseLebhanon.

16. Ukuba ke ngoko nenzé ngenyaniso nangokugqibeleleyo, uAbhimeleki nimenzé ukumkani nje, ukuba nenzé okulungileyo kuYerubhahali nakwindlu yakhe, ukuba nimenzele ngokwempatho yezandla zakhe;

17. (ekubeni ubawo wanilwelayo, wawulahlayo umphefumlo wakhe, wanihlagulayo esandleni samaMidiyan;

18. ke nina nisuke nayivunukela indlu kabawo namhla, nababulala oonyana bakhe, amadoda angamashumi asixhenxe, tyeni linye, namenza ukumkani wabemi bakwaShekem uAbhimeleki, unyana womkhonzazana wakhe, ngokuba engumzalwana wenu);

19. ukuba ke nenzé ngenyaniso nangokugqibeleleyo namhla kuYerubhahali nakwindlu yakhe: vuyani ke ngoAbhimeleki, avuye naye ngani.

20. Ukuba akunjalo, makuphume umlilo kuAbhimeleki, ubadle abemi bakwaShekem nendlu yeMilo, uphume umlilo kubemi bakwaShekem nakwindlu yeMilo, umdle uAbhimeleki.

21. Wabaleka ke uYotam, wasaba, waya eBhere, wahlala khona ngenxa ka-Abhimeleki umzalwana wakhe.

22. UAbhimeleki waba ngumthetheli wamaSirayeli iminyaka emithathu.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 9