Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 8:25-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Athi, Sokunika ngemvume. Azandlala iingubo, aphosa khona elowo ijikazi lexhoba lakhe.

26. Ubunzima bamajikazi egolide awawacelayo baba liwaka elinamakhulu asixhenxe eeshekele* zegolide, ngaphandle kwezaa ntsimbi namacici neengubo ezimfusa ezibe zikookumkani bamaMidiyan, nangaphandle kwezidanga ezibe zisezintanyeni zeenkamela zabo.

27. UGidiyon wenza ngazo iefodi,* wayibeka emzini wakhe eOfra; athi onke amaSirayeli ahenyuza ngokuyilandela khona; yangumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.

28. Athotywa amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda aziphakamise iintloko zawo. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mané ngemihla kaGidiyon.

29. Waya uYerubhahali, unyana kaYowashe, wahlala endlwini yakhe.

30. UGidiyon ebenoonyana abangamashumi asixhenxe abaphumáyo esinqeni sakhe, ngokuba ebenabafazi abaninzi.

31. Neshweshwe lakhe, elibe likwaShekem, lamzalela unyana nalo; awamthiya igama lokuba nguAbhimeleki.

32. Wafa uGidiyon unyana kaYowashe, eyingwevu enkulu, wangcwatyelwa engcwabeni likaYowashe uyise, eOfra yama-Abhihezere.

33. Kwathi, akufa uGidiyon, babuya oonyana bakaSirayeli bahenyuza ngokulandela uBhahali;* bazimisela uBhahalibheriti,* waba nguthixo wabo.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 8