Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 8:21-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Bathi ooZebha noTsalimuna, Suk' ume wena, usithi qwele; njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.

22. Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.

23. Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; nguYehova oya kunilawula nina.

24. Wathi uGidiyon kuwo, Ndiya kucela ngcelo-nye kuni; ndinikeni elowo ijikazi lexhoba lakhe. (Ngokuba ebenamajikazi egolide, kuba ebengamaIshmayeli.)

25. Athi, Sokunika ngemvume. Azandlala iingubo, aphosa khona elowo ijikazi lexhoba lakhe.

26. Ubunzima bamajikazi egolide awawacelayo baba liwaka elinamakhulu asixhenxe eeshekele* zegolide, ngaphandle kwezaa ntsimbi namacici neengubo ezimfusa ezibe zikookumkani bamaMidiyan, nangaphandle kwezidanga ezibe zisezintanyeni zeenkamela zabo.

27. UGidiyon wenza ngazo iefodi,* wayibeka emzini wakhe eOfra; athi onke amaSirayeli ahenyuza ngokuyilandela khona; yangumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.

28. Athotywa amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda aziphakamise iintloko zawo. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mané ngemihla kaGidiyon.

29. Waya uYerubhahali, unyana kaYowashe, wahlala endlwini yakhe.

30. UGidiyon ebenoonyana abangamashumi asixhenxe abaphumáyo esinqeni sakhe, ngokuba ebenabafazi abaninzi.

31. Neshweshwe lakhe, elibe likwaShekem, lamzalela unyana nalo; awamthiya igama lokuba nguAbhimeleki.

32. Wafa uGidiyon unyana kaYowashe, eyingwevu enkulu, wangcwatyelwa engcwabeni likaYowashe uyise, eOfra yama-Abhihezere.

33. Kwathi, akufa uGidiyon, babuya oonyana bakaSirayeli bahenyuza ngokulandela uBhahali;* bazimisela uBhahalibheriti,* waba nguthixo wabo.

34. Oonyana bakaSirayeli abamkhumbulanga uYehova uThixo wabo, owabahlangulayo esandleni seentshaba zabo zonke ngeenxa zonke;

35. àbayenzela nceba indlu kaYerubhahali, kaGidiyon, ngokokulunga konke awawenzeláyo amaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 8