Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 7:6-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Inani labaseláyo ngesandla salo emlonyeni laba ngamadoda amakhulu mathathu; bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.

7. Wathi uYehova kuGidiyon, Ndiya kunisindisa ngala madoda amakhulu mathathu akramnceleyo, ndiwànikele amaMidiyan esandleni sakho. Bonke abanye abantu mabagoduke, elowo aye endaweni yakhe.

8. Bawuphatha abantu abo umphako ngesandla sabo, nezigodlo zabo. Wawandulula onke amadoda akwaSirayeli, ukuba ileyo iye ententeni yayo; wagcina amadoda lawo amakhulu mathathu. Umkhosi wamaMidiyan waba ngezantsi kwakhe entilini.

9. Kwathi ngobo busuku, uYehova wathi kuye, Vuka, uhle uye empini; ngokuba ndiyinikele esandleni sakho.

10. Ukuba uyoyika ukuhla, yihla nomfana wakwakho uFura, uye empini,

11. uve into abayithethayo; emveni koko síya komelela isandla sakho. Yihla ke uye empini. Wehla ke yena noFura, umfana wakwakhe, baya ekupheleni kwabaxhobileyo abasempini.

12. AmaMidiyan nama-Amaleki nabasempumalanga bonke babelele entilini benjengeenkumbi ukuba baninzi; neenkamela zawo zibe zingenakubalwa, njengentlabathi yonxweme lolwandle ukuba zininzi.

13. Wafika uGidiyon; nantso indoda ixelela ummelwane wayo iphupha, isithi, Yabona, ndiphuphé iphupha; ndiboné kuqengqeleka isonka serhasi sisiza emkhosini wamaMidiyan, sifike ententeni, sibèthe iwe, ithi bhukuqu intente, ithi bhuma.

14. Waphendula ummelwane wayo wathi, Loo nto kunje likrele likaGidiyon, unyana ka Yowashe, indoda yakwaSirayeli; uThixo uwanikele amaMidiyan nomkhosi wonke esandleni sakhe.

15. Kwathi, akukuva uGidiyon ukuxelwa kwephupha nokutyhilwa kwalo, wanqula, wabuyela emkhosini wamaSirayeli, wathi, Vukani, ngokuba uYehova uyinikele impi yamaMidiyan esandleni senu.

16. Wawahlula aba ngamaqela omathathu amadoda lawo amakhulu mathathu; wabeka izigodlo esandleni sawo onke, nemiphanda engenanto, nezikhuni ezivuthayo ngaphakathi kwemiphanda leyo.

17. Wathi kuwo, Khangelani kum, nenjenje: yabonani, ndákufika ekupheleni kwempi, nothi njengoko ndenza ngako mna, nenjenjalo nina.

18. Ndovuthela ngezigodlo mna, nabo bonke abanam, nivuthele ke ngezigodlo nani ngeenxa zonke emkhosini, nithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 7