Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 6:22-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wabona uGidiyon ukuba sisithunywa sikaYehova; wathi uGidiyon, Yoo! Nkosi Yehova! Nditsho ngokuba ndibonene nesithunywa sikaYehova.

23. UYehova wathi kuye, Uxolo malube kuwe; musa ukoyika, akuyi kufa.

24. UGidiyon wákha khona isibingelelo kuYehova, wathi igama laso nguYehova-uluxolo; sisekho nanamhla eOfra yama-Abhihezere.

25. Kwathi ngobo busuku, wathi uYehova kuye, Thabatha inkunzi yenkomo eyekayihlo, eyesibini inkunzi eminyaka isixhenxe, usidilize isibingelelo sikaBhahali* sikayihlo, umgawule uAshera* ongakuso;

26. wakhe isibingelelo kuYehova uThixo wakho encotsheni yale nqaba, usilungiselele, uthabathe eyesibini inkunzi, unyuse idini elinyukayo ngeenkuni zika-Ashera omgawuleyo.

27. UGidiyon wathabatha amadoda alishumi kubakhonzi bakhe; wenza njengoko wathethayo uYehova kuye. Kwathi, kuba esoyika indlu kayise namadoda aloo mzi, akenza emini, wenza ebusuku.

28. Avuka kusasa ngengomso amadoda aloo mzi: naso isibingelelo sikaBhahali sidiliziwe, egawulwe noAshera obengakuso, neyesibini inkunzi inyusiwe phezu kwesibingelelo esibe sakhiwe.

29. Yathi enye kwenye, Ngubani na lo wenzé le nto? Abuza, afuna. Bathi, NguGidiyon unyana kaYowashe, lo wenzé le nto.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 6