UGidiyon wathabatha amadoda alishumi kubakhonzi bakhe; wenza njengoko wathethayo uYehova kuye. Kwathi, kuba esoyika indlu kayise namadoda aloo mzi, akenza emini, wenza ebusuku.