Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 5:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ngenxa yokukhokela kweenkokeli,Ngenxa yokuqhutywa kwabantu ziintliziyo zabo,Bongani uYehova.

3. Yivani, bokumkani; bekani iindlebe, zidwangube;Mna lo ndiya kuvuma kuYehova,Ndiya kumbethela uhadi uYehova, uThixo kaSirayeli.

4. Yehova, ekuphumeni kwakho kwaSehire,Ekunyalaseni kwakho, uvela emhlabeni wakwaEdom,Lanyikima ihlabathi, lavuza nalo izulu;Ewe, amafu avuza amanzi.

5. Iintaba zazamazama phambi koYehova;ISinayi leya, phambi koYehova uThixo kaSirayeli.

6. Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati.Ngemihla kaYaheli, bezingàhanjwa iindlela,Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa.

7. Ebengamiwa amaphandle kwaSirayeli, ebengamiwa,Ndada ndesuka, mna Debhora,Ndesuka ndaba ngunina kwaSirayeli.

8. Kwakunyulwe oothixo abatsha,Kwaza kwayimfazwe emasangweni;Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na,Phakathi kwamawaka amashumi mané akwaSirayeli?

9. Intliziyo yam ingakubamisi-mthetho bakwaSirayeli,Ingakwabo baqhutywa yintliziyo yabo phakathi kwabantu;Bongani uYehova.

10. Nina bakhwele ezimazini ezimhlophe zamaesile,Nina bahlala ezinkukweni,Nani bahamba ngendlela, camngcani.

11. Kùde nezwi lababi bamaxhoba, apho kukhiwa khona amanzi,Khona apho bobonga imisebenzi kaYehova yobulungisa,Imisebenzi yobulungisa awayenza emaphandleni akhe kwaSirayeli;Oko behla abantu bakaYehova, baya emasangweni.

12. Vuka, vuka, Debhora!Vuka, vuka, hlaba ingoma!Suk' ume, Bharaki, thimba abathinjwa bakho, nyana ka-Abhinowam.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 5