Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 20:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Baphuma ke bonke oonyana bakaSirayeli, labizelwa ndawonye lonke ibandla njengandoda-nye, lathabathela kwaDan lesa eBher-shebha, nelizwe laseGiliyadi, laya kuYehova eMizpa.

2. Zema izibonda zabantu bonke, zezizwe zonke zakwaSirayeli, ebandleni labantu bakaThixo, abangamawaka angamakhulu amané amadoda angumqikela arhola ikrele.

3. Beva oonyana bakaBhenjamin, ukuba oonyana bakaSirayeli benyukile beza eMizpa.Bathi oonyana bakaSirayeli, Thethani; itheni na ukubakho le nto inje ukuba mbi?

4. Yaphendula indoda leyo, ingumLevi, indoda yaloo nkazana incinithiweyo, yathi, Ndafika eGibheha ekwaBhenjamin, mna neshweshwe lam, salalisa khona.

5. Abemi baseGibheha bandivunukela, bayirhawula indlu ngenxa yam ebusuku; bagqiba kwelokundibulala; balidlwengula ishweshwe lam, lafa.

6. Ndalibamba ishweshwe lam, ndalityatya, ndalithumela kwilizwe lonke lelifa lakwaSirayeli; ngokuba benzé amanyala nobudenge kwaSirayeli.

7. Nanko ke nina nonke, nyana bakaSirayeli; khuphani ilizwi necebo apha.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 20