1. Kwaye kukho indoda yelasezintabeni zakwaEfrayim egama linguMika.
2. Yathi kunina, Iwaka lesilivere elinakhulu-nye elalithatyathwe kuwe, owashwabula ngenxa yalo, kananjalo wathetha ngalo ezindlebeni zam, yabona, isilivere leyo inam; yathatyathwa ndim. Wathi unina, Ùsikelelwe, nyana wam, nguYehova.
3. Walibuyisela kunina iwaka lesilivere elinakhulu-nye. Wathi unina, Ndiyingcwalisile yonke isilivere leyo kuYehova; iphuma esandleni sam ukuba ibe yeyonyana wam, enze umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; ndiyibuyisela kuwe ke ngoko.