Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 16:17-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wamxelela intliziyo yakhe yonke, wathi kuye, Isitshetshe sokucheba asizanga sisondele entlokweni yam; ngokuba ndingumahlulwa kaThixo kwasesizalweni sikama. Ukuba ndithe ndachetywa, osuka kum amandla am, ndithi fehle, ndibe njengabantu bonke.

18. Wabona uDelila ukuba umxelele yonke intliziyo yakhe, wathumela wabiza izikhulu zamaFilisti, esithi, Nyukani esi sihlandlo, ngokuba úndixelele yonke intliziyo yakhe. Zenyuka ke zaya kuye izikhulu zamaFilisti, zenyuka zinemali esandleni sazo.

19. Wamlalisa emathangéni akhe, wabiza umntu, wazicheba izihlwitha zosixhenxe zentloko yakhe, waqala ke ukumqoba; emka ke amandla akhe kuye.

20. Wathi, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni, wathi, Ndiya kuphuma esi sihlandlo njengezinye izihlandlo, ndizivuthulule. Wayengazi yena, ukuba uYehova umkile kuye.

21. Ambamba amaFilisti, amkrukra amehlo; ehla naye aya eGaza, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu amabini, waba ngumsili endlwini yamakhonkxwa.

22. Zaqala iinwele zentloko yakhe zahluma, emva kokuba wayechetyiwe.

23. Izikhulu zamaFilisti zahlanganiselwa ukuba zibingelele umbingelelo omkhulu kuDagon uthixo wazo, zivuye; zathi, Uthixo wethu umnikele esandleni sethu uSamson, utshaba lwethu.

24. Bambona abantu, badumisa uthixo wabo; ngokuba bebesithi, Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu, umtshabalalisi welizwe lethu, obenzé babaninzi ababuleweyo kuthi.

25. Kwathi, xa intliziyo yabo ichwayithileyo, bathi, Bizani uSamson, asihlekise. Bambiza ke uSamson endlwini yamakhonkxwa; waphuma wahlekisa phambi kwabo. Bammisa phakathi kweentsika.

26. Wathi uSamson kumfana ombambe ngesandla, Ndiyeke, ndizive iintsika emi ngazo indlu, ndayame ngazo.

27. Ke indlu ibizele ngamadoda nabafazi; zibe zikhona zonke izikhulu zamaFilisti; phezu kophahla kwakuhleli amawaka omathathu amadoda nabafazi, bebonela ukuhlekisa kukaSamson.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 16