Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 14:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wehla uSamson waya eTimnata, wabona inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti.

2. Wenyuka, waxelela uyise nonina, wathi, Ndiboné inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti; kaloku ke ndizekeleni ibe ngumfazi.

3. Bathi kuye uyise nonina, Akukho nkazana ezintombini zabazalwana bakho, nasebantwini bakowethu bonke na, ukuba nje ude uye kuzeka umfazi kumaFilisti angalukileyo? Wathi uSamson kuyise, Ndízekele yona, ngokuba ndikholiwe yiyo.

4. Uyise nonina babengazi ukuba ivela kuYehova le nto; ngokuba ebefuna ithuba lokubambana namaFilisti. Ngelo xesha amaFilisti ebelawula kwaSirayeli.

5. Wehla uSamson noyise nonina, baya eTimnata, bafika ezidiliyeni zaseTimnata; nantso ingonyama entsha imkhawulela, igquma.

6. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wayiqwenga, wanga uqwenga itakane, kungekho nto esandleni sakhe; akakuxela kuyise nakunina akwenzileyo.

7. Wehla wathetha nenkazana leyo; yamkholisa kunene uSamson.

8. Wabuya kwakuba ntsuku, esiya kuyizeka. Watyeka, wakhangela isidumbu sengonyama leya; nalo ibubu leenyosi lisesidumbini sengonyama, kukho nobusi.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 14