Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 13:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzùkise lakwenzeka ilizwi lakho?

18. Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje?

19. Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe.

20. Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni.

21. Àsaba saphinda sibonakale isithunywa sikaYehova kuManowa nomkakhe. Wandula ukwazi uManowa ukuba sisithunywa sikaYehova esi.

22. Wathi uManowa kumkakhe, Siya kufa ngenene, ngokuba simbonile uThixo.

23. Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, angé engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; angé engasibonisanga zonke ezi zinto; angé engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli.

24. Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela.

25. Waqala uMoya kaYehova wamqhuba eseMahane-dan, phakathi kweTsora ne-Eshtawoli.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 13