Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.