Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 13:11-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wesuka ke uManowa, wamlandela umkakhe, waya kuloo mntu, wathi kuye, Ungulaa mntu na ubethetha nomfazi?

12. Wathi, Ndinguye. Wathi uManowa, Ukuba lithe lenzeka kaloku ilizwi lakho, lóba yintoni na isiko lale nkwenkwe, nokwenza kwayo?

13. Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Konke endikuthethileyo kumfazi makazigcine kuko.

14. Maze angadli nto iphuma emdiliyeni, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, angadli nanye into eyinqambi. Konke endimwisele umthetho ngako makakugcine.

15. Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Makhe sikubambezele, sikwenzele itakane itakane lebhokhwe.

16. Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.

17. Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzùkise lakwenzeka ilizwi lakho?

18. Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje?

19. Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe.

20. Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni.

21. Àsaba saphinda sibonakale isithunywa sikaYehova kuManowa nomkakhe. Wandula ukwazi uManowa ukuba sisithunywa sikaYehova esi.

22. Wathi uManowa kumkakhe, Siya kufa ngenene, ngokuba simbonile uThixo.

23. Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, angé engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; angé engasibonisanga zonke ezi zinto; angé engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli.

24. Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela.

25. Waqala uMoya kaYehova wamqhuba eseMahane-dan, phakathi kweTsora ne-Eshtawoli.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 13