Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 11:26-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ekuhlaleni kwamaSirayeli eHeshbhon nasemagxamesini ayo, naseArohere nasemagxamesini ayo, nasemizini yonke esemacaleni eArnon iminyaka emakhulu mathathu, ibiyini na ukuba ningayihlanguli ngelo xesha?

27. Mna andikonanga; nguwe ondenza into embi ngokulwa nam. UYehova uMgwebi makagwebe namhla phakathi koonyana bakaSirayeli noonyana baka-Amon.

28. Ukumkani woonyana baka-Amon akawaphulaphula amazwi kaYifeta awawathumela kuye.

29. UMoya kaYehova wamfikela uYifeta, wacanda eGiliyadi nakwaManase, wacanda naseMizpa yaseGiliyadi; wesuka eMizpa yaseGiliyadi, wabangenela oonyana baka-Amon.

30. UYifeta wabhambathisa kuYehova isibhambathiso, wathi, Ukuba ùthe wabanikela kanye oonyana baka-Amon esandleni sam, wóthi,

31. osukuba ephuma emnyango wendlu yam, eza kundikhawulela ekubuyeni kwam ngoxolo koonyana baka-Amon, abe ngokaYehova; ndimnyuse abe lidini elinyukayo.

32. Wagqitha ke uYifeta, waya koonyana baka-Amon ukuba alwe nabo. Wabanikela uYehova esandleni sakhe.

33. Wababulala kakhulu kunene, kwathabathela eArohere kwada kwaya eMiniti, imizi emashumi mabini, kwesa eAbhelekeramim. Bathotywa oonyana baka-Amon phambi koonyana bakaSirayeli.

34. Wafika uYifeta eMizpa endlwini yakhe; nantso intombi yakhe iphuma iza kumkhawulela, inengqongqo ingqungqa; yaye ikuphéla komntwana wakhe, ngaphandle kwayo wayengenanyana nantombi.

35. Kwathi akuyibona, wazikrazulu iingubo zakhe, wathi, Yini na le, ntombi yam! Ùndithobile kakhulu wena ungowabandihlisele intlekele Mna ndiwuvulile umlomo wam kuYehova; andinakubuya umva.

36. Yathi kuye, Bawo, ùwuvulile umlomo wakho kuYehova; yenza kum njengoko kuphume emlonyeni wakho; okunje uYehova akwenzele impindezelo ezintshabeni zakho, oonyana baka-Amon.

37. Yathi kuyise, Mandenzelwe le ndawo; ndíyeke iinyanga zibe mbini, ndihambe ndihle ndiye ezintabeni, ndililele ubuntombi bam, mna nabalingane bam.

38. Wathi, Yiya. Wayindulula, yaya iinyanga ezimbini. Yaya yona nabalingane bayo, yabulilela ubuntombi bayo ezintabeni.

39. Kwathi, ekupheleni kweenyanga ezimbini, yabuya yeza kuyise, wasenzela kuyo isibhambathiso sakhe, awayesibhambathisile; ke yona yayingazani nandoda. Yaba lisiko kwaSirayeli ukuthi, imihla kamihla,

40. iintombi zakwaSirayeli ziye ziyibonge intombi kaYifeta umGiliyadi, imihla eminé ngomnyaka.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 11