Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 22:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Zakundibhijela izintya zelabafileyo,Zakundirhintyela izirhintyelo zokufa,

7. Ekubandezelekeni kwam, ndanqula uYehova,Ndamnqula uThixo wam:Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika ezindlebeni zakhe.

8. Lahexa ke lanyikima ihlabathi,Iziseko zezulu zagungqa,Zahexa ngokuba enomsindo.

9. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe,Avutha amalahle, ephuma kuwo.

10. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

11. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wabonakala esemaphikweni omoya.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 22