Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 22:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uDavide kuYehova amazwi ale ngoma, mini uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke, nasesandleni sikaSawule, wathi:

2. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msizi wam mna lo,

3. Thixo oliliwa lam, endizímela ngalo;Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam,Ngxonde yam, ndawo yokusabela kwam,Msindisi wam, undisindisa ekugonyamelweni.

4. Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa,Ndiyasindiswa ke ezintshabeni zam.

5. Ákundijikela amáza alwayo okufa,Yakundidandathekisa imilambo yobutshijolo,

6. Zakundibhijela izintya zelabafileyo,Zakundirhintyela izirhintyelo zokufa,

7. Ekubandezelekeni kwam, ndanqula uYehova,Ndamnqula uThixo wam:Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika ezindlebeni zakhe.

8. Lahexa ke lanyikima ihlabathi,Iziseko zezulu zagungqa,Zahexa ngokuba enomsindo.

9. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe,Avutha amalahle, ephuma kuwo.

10. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

11. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wabonakala esemaphikweni omoya.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 22