Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 15:22-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wathi uDavide kuItayi, Hamba ugqithe ke. Wagqitha uItayi namadoda akhe onke, nosapho lonke abenalo.

23. Lonke ilizwe laye lilila ngezwi elikhulu, bewela abantu bonke; ewela nokumkani emlanjaneni oyiKidron; abantu bonke bewela bekhangelene nendlela yentlango.

24. Nanko, uTsadoki nabaLevi bonke benaye, bethwele ityeya yomnqophiso kaThixo, bayibeka phantsi ityeya kaThixo. Wenyuka uAbhiyatare, bada bagqibelela bonke abantu ukuwela, bephuma kuwo umzi.

25. Wathi ukumkani kuTsadoki, Yibuyisele kuwo umzi ityeya kaThixo. Ukuba ndithe ndababalwa nguYehova, wóndibuyisa, andibonise yona kwanekhaya lakhe.

26. Ukuba úthe, Andikunanzile; nanku ndikho, makenze kum ngoko kulungileyo emehlweni akhe.

27. Wathi ukumkani kuTsadoki umbingeleli, Wena mboni, buyela kuwo umzi unoxolo, noAhimahatse unyana wakho, noYonatan unyana ka-Abhiyatare, oonyana benu bobabini kunye nawe.

28. Yabonani, ndozilazila emazibukweni entlango, kude kufike ilizwi elivela kuni lokundixelela.

29. UTsadoki noAbhiyatare bayibuyisela ityeya kaThixo eYerusalem, bahlala khona.

30. UDavide wenyuka eqhineni leminquma, enyuka elila, egqubuthele intloko, ehamba engenazimbadada ezinyaweni zakhe; bonke abantu abenabo begqubuthele elowo intloko yakhe; benyuka, benyuka belila.

31. Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, UAhitofele ukubacebisi baka-Abhisalom. Wathi uDavide, Yehova, khawulitshitshise icebo lika-Ahitofele.

32. Kwathi, akuya kufika uDavide encotsheni, apho bekusakuqutyudwa khona kuThixo, nanko uHushayi umArki emkhawulela, ekrazule ingubo yakhe, enomhlaba entloko.

33. UDavide wathi kuye, Ukuba uthe wagqithela nam, woba ngumthwalo kum;

34. ke ukuba uthe wabuyela kuwo umzi, wathi kuAbhisalom, Ndoba ngumkhonzi wakho, kumkani; ndibe ndifudula ndingumkhonzi kayihlo, ngoko ndingumkhonzi wakho: wònditshitshisela ke icebo lika-Ahitofele.

35. Àbanawe na apho uTsadoki noAbhiyatare ababingeleli? Kothi ke, yonke into othe wayiva endlwini yokumkani, uyixele kuTsadoki noAbhiyatare ababingeleli.

36. Yabona, bakho khona nabo oonyana babo bobabini, uAhimahatse okaTsadoki, noYonatan oka-Abhiyatare; nòlithumela ngesandla sabo kum lonke ilizwi enithe naliva.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 15