Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 9:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Luxolo na? Ebezeleni na lo mbhudi? Wathi kubo, Le ndoda yaziwa níni, kwanokuthethathetha kwayo.

12. Bathi, Xoka; khawusixelele. Wathi, Ùthe, wathi ukuthetha kum, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli.

13. Bakhawuleza, wathabatha elowo ingubo yakhe, wayibeka phantsi kwakhe uYehu ezinyukweni kanye, bavuthela izigodlo, bathi, UYehu ngukumkani!

14. UYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wamceba ke uYoram. Ke kaloku uYoram ubeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena namaSirayeli onke, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram;

15. ke ukumkani, uYoram, ubebuyele eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuma-Aram, esilwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wathi uYehu, Ukuba kukuthanda kwenu, makungaphumi kusinde mntu kulo mzi, aye kuxela eYizereli.

16. Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ebelele khona. Ke uAhaziya ukumkani wamaYuda wehla, waya kumbona uYoram.

17. Ke kaloku umlindi, obemi phezu kwenqaba eYizereli, wabona impi kaYehu ekuzeni kwakhe, wathi, Ndibona impi. Wathi uYoram, Thabatha okhwele ihashe, umthume aye kubakhawulela, athi, Luxolo na?

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 9