Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 8:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ke kaloku kwathi ekupheleni kweminyaka esixhenxe leyo, yabuya loo ntokazi ezweni lamaFilisti; yaphuma yaya kuzibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani.

4. Ke kaloku ukumkani ubethetha noGehazi, umkhonzi womfo wakwaThixo, esithi, Khawundibalisele zonke izinto ezinkulu azenzileyo uElisha.

5. Kwathi, esamxelela ukumkani ukuphilisa kwakhe umntu owayeselefile, kwabonakala laa ntokazi, abephilise unyana wayo, izibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani. Wathi uGehazi, Nkosi yam, kumkani, yiloo ntokazi ke le, nguloo nyana wayo waphiliswayo nguElisha ke lo.

6. Wayibuza ukumkani intokazi leyo; yamxelela. Ukumkani wayinika umbusi othile, wathi, Yibuyisele zonke izinto zayo, nokutya konke kwentsimi yayo, kuthabathela kwimini eyemka ngayo kweli lizwe, kuzise nakweli xesha langoku.

7. Weza uElisha eDamasko. UBhenhadade, ukumkani wakwa-Aram,* waye esifa. Kwathiwa kuye, Umfo wakwaThixo ufikile apha.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 8