Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 8:21-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wagqitha uYehoram, waya eTsahira, eneenqwelo zonke zokulwa. Wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa; basaba abantu, baya ezintenteni zabo.

22. Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena kwangelo xesha.

23. Ezinye izinto zikaYoram, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

24. UYoram walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide, uAhaziya unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

25. Ngomnyaka weshumi elinesibini kaYoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wamaSirayeli, waba ngukumkani uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda.

26. UAhaziya ebeminyaka imashumi mabini namibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba mnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguAtaliya, intombi kaOmri ukumkani wamaSirayeli.

27. Wahamba ngendlela yendlu ka-Ahabhi, wenza okubi emehlweni kaYehova ngokwendlu ka-Ahabhi; ngokuba ebengumyeni wakwa-Ahabhi.

28. Wahamba noYoram, unyana ka-Ahabhi, waya kulwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram eRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 8