Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 8:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wamkhangela, wamthi ntsho, wada waneentloni; walila umfo wakwaThixo.

12. Wathi uHazayeli, Ililelani na inkosi yam? Wathi, Kungokuba ndibazi ububi oya kubenza koonyana bakaSirayeli; ùya kuzitshisa ngomlilo iinqaba zabo, uwabulale amadodana abo ngekrele, ubatyumze abantwana babo, ubaqangqulule abafazi babo abamithiyo.

13. Wathi uHazayeli, Úyintoni na umkhonzi wakho, eyinja nje, ukuba ade enze loo nto ingako? Wathi uElisha, UYehova undibonisile, ukuba ùya kuba ngukumkani wakwa-Aram wena.

14. Wemka kuElisha, waya enkosini yakhe. Yathi kuye, Útheni na uElisha kuwe? Wathi, Uthe kum, Inene, ùya kuphila.

15. Kwathi ngengomso wathabatha ingcawa, wayithi nkxu emanzini, wayaneka ebusweni bayo; yafa. UHazayeli waba ngukumkani esikhundleni sayo.

16. Ke kaloku ngomnyaka wesihlanu kaYehoram, unyana ka-Ahabhi ukumkani wamaSirayeli (uYehoshafati engukumkani wamaYuda), waba ngukumkani uYehoram, unyana kaYehoshafati ukumkani wamaYuda.

17. Ebeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe, waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem.

18. Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza ngako indlu ka-Ahabhi; ngokuba intombi ka-Ahabhi yayingumkakhe; wenza okubi emehlweni kaYehova.

19. Noko uYehova ebengavumi ukulonakalisa elakwaYuda, ngenxa kaDavide umkhozi wakhe; njengoko wathethayo kuye, wathi wómnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.

20. Ngemihla yakhe akreqa amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, azenzela ukumkani.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 8