Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 7:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka.

9. Yathi enye kweny, Àsilungisi; le mini yimini yeendaba ezilungileyo, sithe cwaka nje; ukuba silindé kwada kwasa, siya kuzeka ityala. Hambani ke ngoko, siye sixele endlweni yokumkani.

10. Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifiké eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo.

11. Bamemeza abalindi-masango omzi; baxelela indlu yokumkani ngaphakathi.

12. Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzímela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi.

13. Waphendula omnye wakubakhonzi bakhe, wathi, Makhe kuthatyathwe abe mahlanu kumahashe aseleyo, la aseleyo phakathi komzi (yabona, anjengengxokolo yonke yamaSirayeli eseleyo kuwo; yabona, anjengengxokolo yonke yakwaSirayeli ephelileyo), síwathume sibone.

14. Kwathatyathwa iinqwelo ezimbini zokulwa ezinamahashe, waphuthumisa ukumkani emva komkhosi wama-Aram, wathi, Hambani niye kubona.

15. Bawaphuthuma, bada baya eYordan; nantso indlela yonke izele ziingubo neempahla, abezilahlile ama-Aram ekubalekeni kwawo buphuthuphuthu. Babuya abathunywa abo, bamxelela ukumkani.

16. Baphuma ke abantu, bayiphanga iminquba yama-Aram. Yathi iseha yomgubo ocoliweyo yayeyeshekele, iiseha ezimbini zerhasi zazezeshekele, ngokwelizwi likaYehova.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 7