Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 6:9-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wathumela umfo wakwaThixo kukumkani wakwaSirayeli, esithi, Zigcine, ungegqithi kulaa ndawo; ngokuba ama-Aram ehla khona.

10. Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.

11. Yabhabhama intliziyo yokumkani wakwa-Aram yiloo nto; wabiza abakhonzi bakhe, wathi kubo. Ànindixeleli na ukuba ngubani na kuthi apha, ongakukumkani wakwaSirayeli?

12. Wathi omnye wakubakhonzi bakhe, Asisithi, nkosi yam kumkani; ke nguElisha, umprofeti okwaSirayeli, oxelela ukumkani wamaSirayeli amazwi owathetha usengontsini yakho yokulala.

13. Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumèle, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan.

14. Wathumela khona amashashe, neenqwelo zokulwa, nempi eninzi; baya ebusuku, bawungqinga umzi.

15. Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?

16. Wathi yena, Musa ukoyika; ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.

17. Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.

18. Behla baya kuye, wathandaza uElisha kuYehova, wathi, Khawulubethe olu hlanga ngobumfama. Wababetha ke ngobumfama, ngokwelizwi likaElisha.

19. Wathi uElisha kubo, Asiyiyo indlela le, asinguwo umzi lo; ndilandeleni, ndinise kuloo ndoda niyifunayo; wabása kwaSamari.

20. Kwathi, bakufika kwaSamari, wathi uElisha, Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. Wawavula uYehova amehlo abo, babona. Nanku, bephakathi komzi wakwaSamari.

21. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuElisha, akubabona, Ndibaxàbele na, ndibaxàbele na, bawo?

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 6