Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?