Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 6:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wathi omnye, Makukholeke kuwe ukuhamba nabakhonzi bakho. Wathi, Ndiya kuhamba.

4. Wahamba nabo. Bathi bakufika eYordan, bagawula imithi.

5. Kwathi, omnye ewisa umqadi, intsimbi yeyela emanzini; wakhala, wathi, Yoo, nkosi yam! ibibolekiwe.

6. Wathi umfo wakwaThixo, Iwe phi na? Wambonisa loo ndawo. Wanqumla uluthi, waluphosa khona. Yadada intsimbi.

7. Wathi, Yithabathe. Wasolula isandla sakhe, wayithabatha.

8. Ke kaloku ukumkani wama-Aram* wayesilwa namaSirayeli, wacebisana nabakhonzi bakhe, esithi, Kuya kuba sekuthini, nasekuthini, apho ndolalisa khona.

9. Wathumela umfo wakwaThixo kukumkani wakwaSirayeli, esithi, Zigcine, ungegqithi kulaa ndawo; ngokuba ama-Aram ehla khona.

10. Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.

11. Yabhabhama intliziyo yokumkani wakwa-Aram yiloo nto; wabiza abakhonzi bakhe, wathi kubo. Ànindixeleli na ukuba ngubani na kuthi apha, ongakukumkani wakwaSirayeli?

12. Wathi omnye wakubakhonzi bakhe, Asisithi, nkosi yam kumkani; ke nguElisha, umprofeti okwaSirayeli, oxelela ukumkani wamaSirayeli amazwi owathetha usengontsini yakho yokulala.

13. Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumèle, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan.

14. Wathumela khona amashashe, neenqwelo zokulwa, nempi eninzi; baya ebusuku, bawungqinga umzi.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 6