Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 5:17-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wathi uNahaman, Umkhonzi wakho akangekhe anikwe na ke umhlaba ongumthwalo woondlebende ababini? Ngokuba umkhonzi wakho akasayi kuba senza dini linyukayo nambingelelo thixweni bambi; úya kwenza kuYehova yedwa.

18. Kule nto uYehova aze amxolele umkhonzi wakho: yakungena inkosi yam endlwini kaRimon, ukuba iqubude khona, yayame esandleni sam, nam ndaqubuda endlwini kaRimon: ekuqubudeni kwam ke endlwini kaRimon, aze uYehova amxolele umkhonzi wakho kuloo nto.

19. Wathi kuye, Hamba unoxolo.Wemka kuye, wee qelele umganyana.

20. Wathi uGehazi, umkhonzi kaElisha umfo wakwaThixo, Yabona, inkosi yam imyekile uNahaman umAram lo, àyayamkela esandleni sakhe into abeyizisile; ehleli nje uYehova, inene, ndiya kumsukela, ndithabathe intwana kuye.

21. UGehazi wamphuthuma uNahaman. UNahaman wambona emsukela, wehla enqwelweni yakhe, eya kumkhawulela, wathi, Kuhlé ntoni na?

22. Wathi, Akukho nto. Inkosi yam indithumile, isithi, Nanku, kufike kum ngoku amadodana amabini akoonyana babaprofeti, evela kweleentaba lakwaEfrayim; khawuwanike italente yesilivere, neengubo ezimbini zokukhululana.

23. Wathi uNahaman, Makukholeke kuwe ukuthabatha zibe mbini iitalente. Wamjoka, wabopha iitalente zambini zesilivere ezingxoweni ezimbini, neengubo ezimbini zokukhululana, wanika abafana ababini; bathwala phambi kwakhe.

24. Uthe akufika endulini, wazithabatha ezandleni zabo, wazibeka endlwini, wawandulula amadoda lawo emka.

25. Waya, wema phambi kwenkosi yakhe. Wathi uElisha kuye, Ùvela phi na, Gehazi? Wathi, Úbengayanga ndawo umkhonzi wakho.

26. Wathi kuye, Intliziyo yam ayihambanga nawe yini na, okuya yajikayo indoda enqwelweni yayo, yeza kukukhawulela? Lixesha yini na eli lokwamkela isilivere, nelokwamkela iingubo, neminquma, nezidiliya, nempahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana?

27. Iqhenqa likaNahaman malinamathele kuwe nakwinbewu yakho ngonaphakade. Waphuma ebusweni bakhe eneqhenqa, emhlophe njengekhephu.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 5