Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 4:29-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba ùthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba úthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli; uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo.

30. Wathi unina wenkwenkwe, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Wesuka ke wamlandela.

31. UGehazi wagqithela phambili kubo, wafika wawubeka umsimelelo phezu kobuso benkwenkwe; akwabakho lizwi, akwabakho kushukuma. Wabuya waya kumkhawulela, wamxelela, wathi, Inkwenkwe ayivukanga.

32. Wafika uElisha endlwini; nantso inkwenkwe ifile, ilele esingqengqelweni sakhe.

33. Wangena, waluvala ucango, bebobabini; wathandaza kuYehova.

34. Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana.

35. Wabuya, wahamba endlwini, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wenyuka wazolula phezu kwakhe. Yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo.

36. Wabiza uGehazi, wathi, Biza laa mShunemekazi. Wambiza. Weza ke kuye, wathi, Mthabathe unyana wakho.

37. Weza, waziphosa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye, wamthabatha unyana wakhe, waphuma.

38. Ke kaloku uElisha wabuya, waya eGiligali. Kwakukho indlala elizweni; oonyana babaprofeti babehleli phambi kwakhe. Wathi kumfana lowo, Beka imbiza enkulu eziko, ubaphekele ukudla oonyana babaprofeti.

39. Waphuma omnye, waya kufuna imifuno endle; wafumana uthangazana, wakha amathangazana kulo; yazala ingubo yakhe. Wafika, wawaxabelela embizeni yokupheka; ngokuba babengazwazi.

40. Bawaphakela amadoda ukuba adle. Kwathi, xa akudlayo oko kudla, akhala wona, athi, Mfo wakwaThixo, kukho ukufa embizeni le.

41. Akaba nako ukukudla. Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni.

42. Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe.

43. Wathi, Nika abantu, badle. Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba útsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 4