Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 4:27-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Akufika kumfo wakwaThixo entabeni, wambamba ngeenyawo. Wasondela uGehazi ukuba amsunduze; wathi umfo wakwaThixo, Myeke, ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra; uYehova undifihlele, àkandixelela.

28. Wathi, Ndakha ndacela unyana yini na enkosini yam? Ndandingatshongo yini na ukuthi, Ùze ungandilahlekisi?

29. Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba ùthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba úthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli; uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo.

30. Wathi unina wenkwenkwe, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Wesuka ke wamlandela.

31. UGehazi wagqithela phambili kubo, wafika wawubeka umsimelelo phezu kobuso benkwenkwe; akwabakho lizwi, akwabakho kushukuma. Wabuya waya kumkhawulela, wamxelela, wathi, Inkwenkwe ayivukanga.

32. Wafika uElisha endlwini; nantso inkwenkwe ifile, ilele esingqengqelweni sakhe.

33. Wangena, waluvala ucango, bebobabini; wathandaza kuYehova.

34. Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana.

35. Wabuya, wahamba endlwini, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wenyuka wazolula phezu kwakhe. Yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo.

36. Wabiza uGehazi, wathi, Biza laa mShunemekazi. Wambiza. Weza ke kuye, wathi, Mthabathe unyana wakho.

37. Weza, waziphosa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye, wamthabatha unyana wakhe, waphuma.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 4