Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 4:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wenyuka, wamlalisa esingqengqelweni somfo wakwaThixo, wamvalela, waphuma.

22. Wabiza indoda yakhe, wathi, Khawundithumele omnye wakubafana, nenye yeemazi zamaesile, khe ndithi gxada, ndiye kumfo wakwaThixo, ndibuye ndibuye.

23. Wathi yena, Yini na ukuba uhambe uye kuye namhla? Àkuthwase nyanga, àsiyisabatha. Wathi yena, Kulungile.

24. Wayibopha imazi ye-esile, wathi kumfana lowo, Qhuba uhambe, musa ukuzibambezela ekukhweleni ngenxa yam, ndigatshonga kuwe.

25. Wahamba wada weza kumfo wakwaThixo entabeni yeKarmele.Waza umfo wakwaThixo, akumbona esekude, wathi kuGehazi umfana, Nankuya laa mShunemekazi;

26. khawugidime ngoku, umkhawulele, uthi kuye, Ùhleli kakule na? Ihleli kakuhle na indoda yakho? Úhleli kakuhle na umntwana? Wathi, Kusahleliwe kakuhle.

27. Akufika kumfo wakwaThixo entabeni, wambamba ngeenyawo. Wasondela uGehazi ukuba amsunduze; wathi umfo wakwaThixo, Myeke, ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra; uYehova undifihlele, àkandixelela.

28. Wathi, Ndakha ndacela unyana yini na enkosini yam? Ndandingatshongo yini na ukuthi, Ùze ungandilahlekisi?

29. Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba ùthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba úthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli; uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 4