Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 4:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile. Ùyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka.

2. Wathi uElisha kuye, Ndikwènzele ntoni na? Ndíxelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli.

3. Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezizé; zingabi mbalwa;

4. ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo.

5. Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena.

6. Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli.

7. Waya waxelela umfo wakwaThixo; wathi yena, Hamba uye kuthengisa ngeoli leyo, uhlawule ityala lakho, uphile wena noonyana bakho ngeseleyo.

8. Kwathi ngamhla uthile, uElisha wagqithela eShunem, apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka. Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka.

9. Yathi endodeni yayo, Ùyabona ke, ndiyaqonda ukuba lo mfo ùngcwele wakwaThixo úmana egqitha apha.

10. Masenze eludongeni igunjana eliphezulu, simbekele khona isingqengqelo, netafile, nesihlalo, nesibane, angene khona akuphambukela kuthi.

11. Kwathi ngamhla uthile waya khona, waphambukela egumbini elo liphezulu, walala khona.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 4