Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Aniyi kubona moya, aniyi kubona mvula; esi sihlambo ke siya kuzala amanzi, nisele nina, nemihlambi yenu, namaqegu enu.