Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 3:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wathi uYehoshafati, Akukho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuYehova ngaye? Waphendula omnye wabakhonzi bokumkani wakwaSirayeli, wathi, Ukho apha uElisha, unyana kaShafati, obegalela amanzi ezandleni zikaEliya.

12. Wathi uYehoshafati, Ilizwi likaYehova linaye. Behla ke baya kuye, ukumkani wakwaSirayeli, noYehoshafati, nokumkani wakwaEdom.

13. Wathi ke uElisha kukumkani wamaSirayeli, Yintoni na enam nawe? Hamba uye kubaprofeti bakayihlo, nakubaprofeti bakanyoko. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuye, Hayi; ngokuba uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.

14. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimi phambi kwakhe, ndinge ndingàkubheki, ndikubone, koko bendihlonéle uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda.

15. Ndíziseleni ke ngoku umbethi-luhadi. Kwathi, xa umbethi-luhadi lo alubethayo, samfikela isandla sikaYehova.

16. Wathi, Utsho uYehova ukuthi, Senzeni esi sihlambo sizale yimisele.

17. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Aniyi kubona moya, aniyi kubona mvula; esi sihlambo ke siya kuzala amanzi, nisele nina, nemihlambi yenu, namaqegu enu.

18. Loo nto ilula emehlweni kaYehova; uya kuwanikela namaMowabhi esandleni senu.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 3