Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 3:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathi uYehoshafati, Ilizwi likaYehova linaye. Behla ke baya kuye, ukumkani wakwaSirayeli, noYehoshafati, nokumkani wakwaEdom.

13. Wathi ke uElisha kukumkani wamaSirayeli, Yintoni na enam nawe? Hamba uye kubaprofeti bakayihlo, nakubaprofeti bakanyoko. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuye, Hayi; ngokuba uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.

14. Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimi phambi kwakhe, ndinge ndingàkubheki, ndikubone, koko bendihlonéle uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda.

15. Ndíziseleni ke ngoku umbethi-luhadi. Kwathi, xa umbethi-luhadi lo alubethayo, samfikela isandla sikaYehova.

16. Wathi, Utsho uYehova ukuthi, Senzeni esi sihlambo sizale yimisele.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 3