Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 3:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uYehoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaYehoshafati ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka elishumi elinamibini engukumkani.

2. Wenza okubi emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoyise nanjengonina; kuba wasisusa isimiso selitye sikaBhahali,* awasenzayo uyise.

3. Kodwa ke wanamathela ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo.

4. Ke kaloku uMesha, ukumkani wamaMowabhi, ubengumfuyi weegusha; emana embuyisela ukumkani wakwaSirayeli ngoboya bekhulu lamawaka eemvana, nekhulu lamawaka eenkunzi zeegusha.

5. Kwathi ke akufa uAhabhi, wakreqa ukumkani wamaMowabhi kukumkani wamaSirayeli.

6. Waphuma ke ukumkani uYehoram ngayo loo mini kwaSamari, wawabala onke amaSirayeli.

7. Waya wathumela kuYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, esithi, Ukreqile kum ukumkani wakwaMowabhi; wóhamba na nam siye kulwa namaMowabhi? Wathi, Ndonyuka ndiye; ndìnjengoko unjalo; abantu bam banjengoko banjalo abantu bakho; amahashe am anjengoko anjalo amahashe akho.

8. Wathi, Sonyuka ngayiphi na indlela? Wathi, Ngendlela ephuma entlango yakwaEdom.

9. Wahamba ke ukumkani wakwaSirayeli, nokumkani wakwaYuda, nokumkani wakwaEdom. Bahamba ngendlela ezungulezayo iintsuku ezisixhenxe; awaba namanzi umkhosi kwaneenkomo ebezibalandela.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 3