Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 23:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ukumkani wamwisela umthetho uHilekiya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bolwesibini udidi, nabagcinimnyango, wokuba bazikhuphe ebhotweni likaYehova zonke iimpahla ezaye zenzelwe uBhahali,* noAshera,* nomkhosi wonke wezulu. Wazitshisela ngaphandle kweYerusalem emaphandleni aseKidron, uthuthu lwazo walúsa eBheteli.

5. Wabaphelisa ababingeleli abangengabo, ababethe ookumkani bakwaYuda babamisela ukuqhumisela ezigangeni, emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem; nabaqhumisela kuBhahali, nakwilanga, nakwinyanga, nakwiinkwenkwezi, nakumkhosi wonke wezulu.

6. Wamkhupha uAshera endlwini kaYehova, wamsa ngaphandle kweYerusalem, emlanjaneni oyiKidron, wamtshisela emlanjaneni oyiKidron; bamcola waluthuli; waluphosa uthuli lwakhe phezu kwamangcwaba oonyana babantu.

7. Wazidiliza izindlu zamang'awu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente.

8. Wabathabatha bonke ababingeleli emizini yakwaYuda, wazenza inqambi izigánga, apho babeqhumisela khona ababingeleli, ethabathela eGebha ase eBher-shebha, wazidiliza izigánga zamasango, ezisekungeneni kwesango likaYoshuwa, umphathi womzi, nezisekhohlo komntu ongena esangweni lomzi.

9. Kodwa ke ababingeleli abo bezigánga abenyukanga beze esibingelelweni sikaYehova eYerusalem; banela ukudla izonka ezingenagwele phakathi kwabazalwana babo.

10. Wayenza inqambi iTofete, esemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze kungabikho mntu umcandisa emlilweni kuMoleki* unyana wakhe, nokuba yintombi yakhe.

11. Wawasusa amahashe abemiselwe ilanga ngookumkani bakwaYuda, ekungeneni endlwini kaYehova, ngasegumbini likaNetan-meleki umbusi, elibe lingaphandle; wazitshisa neenqwelo zelanga ngomlilo.

12. Nezibingelelo ezibe ziphezu kophahla lwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, abazenzáyo ookumkani bakwaYuda, nezibingelelo awazenzayo uManase ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova, wazidiliza ukumkani, wazikhanda kwakhona, waluphosa emlanjeni oyiKidron uthuli lwazo.

13. Nezigánga eziphambi kweYerusalem, ezibe zisekunene kwentaba yolonakaliso, awayethe uSolomon ukumkani wakwaSirayeli wazakhela uAshtoreti,* into enezothe yamaTsidon, noKemoshe,* into enezothe yamaMowabhi, noMilikom,* isikizi loonyana baka-Amon, wazenza inqambi ukumkani.

14. Waziqhekeza nezimiso zamatye, wabagawula ooAshera, wazizalisa iindawo zazo ngamathambo abantu.

15. Kananjalo isibingelelo esibe siseBheteli, isigánga awasenzayo uYarobheham, unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli, eso sibingelelo neso sigánga wasidiliza; wasitshisa isigánga, wasicola saluthuli; wamtshisa uAshera.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 23