Kananjalo isibingelelo esibe siseBheteli, isigánga awasenzayo uYarobheham, unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli, eso sibingelelo neso sigánga wasidiliza; wasitshisa isigánga, wasicola saluthuli; wamtshisa uAshera.