Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 23:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Nezibingelelo ezibe ziphezu kophahla lwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, abazenzáyo ookumkani bakwaYuda, nezibingelelo awazenzayo uManase ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova, wazidiliza ukumkani, wazikhanda kwakhona, waluphosa emlanjeni oyiKidron uthuli lwazo.

13. Nezigánga eziphambi kweYerusalem, ezibe zisekunene kwentaba yolonakaliso, awayethe uSolomon ukumkani wakwaSirayeli wazakhela uAshtoreti,* into enezothe yamaTsidon, noKemoshe,* into enezothe yamaMowabhi, noMilikom,* isikizi loonyana baka-Amon, wazenza inqambi ukumkani.

14. Waziqhekeza nezimiso zamatye, wabagawula ooAshera, wazizalisa iindawo zazo ngamathambo abantu.

15. Kananjalo isibingelelo esibe siseBheteli, isigánga awasenzayo uYarobheham, unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli, eso sibingelelo neso sigánga wasidiliza; wasitshisa isigánga, wasicola saluthuli; wamtshisa uAshera.

16. Wabheka uYosiya, wawabona amangcwaba abekhona entabeni, wathumela, wawathabatha amathambo emangcwabeni lawo, wawatshisela phezu kwesibingelelo, wasenza inqambi ngokwelizwi likaYehova, awalimemezayo umfo wakwaThixo, owawamemezayo la mazwi.

17. Wathi, Lelani na elaa litye lithe nkqampu ndilibonayo? Athi kuye amadoda aloo mzi, Lingcwaba lomfo wakwaThixo, owavela kwaYuda, wamemeza ezi zinto ùzenzileyo kwisibingelelo saseBheteli.

18. Wathi, Myekeni; makangashukunyiswa mntu amathambo akhe. Bawasindisa ke amathambo akhe, namathambo omprofeti owavela kwaSamari.

19. Kananjalo zonke izindlu zezigánga, ezibe zisemizini yakwaSamari, abazenzáyo ookumkani bamaSirayeli ukuba bamqumbise uYehova, wazisusa uYosiya; wenza kuzo ngokwezenzo zonke awazenzayo eBheteli.

20. Wababingelela bonke ababingeleli bezigánga ababekhona, phezu kwezibingelelo; watshisa amathambo abantu phezu kwazo. Wabuya ke weza eYerusalem.

21. Ukumkani wabawisela umthetho abantu bonke, wathi, Yenzani ipasika kuYehova, uThixo wenu, ngoko kubhaliweyo encwadini yalo mnqophiso.

22. Ngokuba bekungazanga kwenziwe pasika ngokwale pasika, kususela kwimihla yabagwebi ababelawula amaSirayeli, nangemihla yonke yookumkani bakwaSirayeli, nookumkani bakwaYuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 23