Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 20:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wathi uIsaya, Thabathani isicumba samakhiwane; basithabatha ke, babeka ethumbeni, waphila.

8. Wathi uHezekiya kuIsaya, Uyintoni na umqondiso wokuba uYehova uya kundiphilisa, ndinyuke ndiye endlwini kaYehova ngomhla wesithathu?

9. Wathi uIsaya, Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, wokuba úya kulenza uYehova ilizwi alithethileyo: Isithunzi síhambe na izinyuko ezilishumi, síbuye na izinyuko ezilishumi?

10. Wathi uHezekiya, Kulula kwisithunzi ukoluka izinyuko ezilishumi; hayi, isithunzi masibuye umva izinyuko ezilishumi.

11. UIsaya umprofeti wamnqula uYehova, wasibuyisa umva isithunzi izinyuko zalishumi, esasihle zona esinyukweni sika-Ahazi.

12. Ngelo xesha uBherodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; ngokuba ubevile ukuba uHezekiya ubesifa.

13. Wabeva uHezekiya, wababonisa yonke indlu yakhe yengqwebo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yeentonga zakhe, nento yonke eyayikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe, nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.

14. Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? Abevela ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Abevela ezweni elikude eBhabheli.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 20