Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 20:17-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Uyabona, kuza imihla eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebáyo ooyihlo kwada kwayile mini, ithwalèlwe eBhabheli, kungasali nto, utsho uYehova;

18. bathabàthe nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.

19. Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo. Wathi, Akunjalo na ukuba kuya kubakho ukuxola nokunyanisa ngeyam imihla?

20. Ezinye izinto zikaHezekiya, nobugorha bakhe bonke, nokwenza kwakhe ichibi nomjelo, nokuwangenisa kwakhe amanzi kuwo umzi, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

21. Walala uHezekiya kooyise; uManase, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 20