Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma.